
Njengoko ngoku engumphathi
weMmabatho Stadium kwiPhondo laseMntla Ntshona, uPangaman ufake iiglavu zakhe ukuze asibonise ukuba usenganyathelana nenye imbethi-manqindi.
UPangaman encokola noIrene , Kgorinyane asebenza naye eMmabatho.


Ucalucalulo lweentlanga Iwandichithel ixesha! utsho uNORMAN PANGAMAN SEKGAPANE
Uya kukhumbula ukuba uSekgapane
wayeyenye yeembethi-manqindi zeli ezimbalwa ezazineentshinga ezimbini ngaxesha-nye. Le mbethi-manqindi yaseSoweto yaphumelela intshinga kwiSouth African Lightweight ngoMeyi ka-1973 yaphinda yaphumelela eyejunior Welterweight ngoNovemba kwangaloo nyaka. Wazikhusela ngempumelelo ezo ntshinga iminyaka esixhenxe ngaphambi kokuba zimlahlekele ngo-1 980.
Yayiyiminyaka esixhenxe emnandi leyo kodwa kwaba lilishwa ukuba ndilinikwe ndakuphelwa ithuba lokulwela intshinga yehlabathi. Ndalwela ijunior Welterweight kaAntonio Servandez eMmabatho ngo- 1978 wandilaiisa ngophotho kumjikelo wothoba.
Namhlanje uSekgapane uhlala eofisini kwibala ekwakusithiwa yilndependence Stadium eMmabatho. Njengomlawuli wala mabala, uSekgapane akawuboni unampembelelo umsebenzi wakhe, kodwa ke kunjalo uwubona kungafani noshici.
Akwenza umhla nezolo uPangaman wodumo kukuhlola ukucocwa kwebala, nokulawula iincwadi zebhola ekhatywayo nezembaleki.
lgalelo emanqindini ulenza ngokumane esiba ngunompempe okanye umgwebi


UNorman Pangaman Sekgapane ungumakhi owaqeqeshwa eGeorge Tabor School Sifike ekwakha eTladi eSoweto esenza umsebenzi alichule kuwo.
kwiNorth West Amateur Boxing Organisation.
Kwiintsuku zakhe zodumo emanqindini uPangaman Sekgapane wayeliqhawe elutsheni. Lo manqanqa edabini ungumfuziselo wenkuthazo nokuzinikela.
Eqeqeshwa nguwillie Toweel, uPangaman Sekgapane walwa nabachasene naye beli abaliqela. lmibhalo ibonisa ukuba woyisa nabaphuma phesheya abafana neGhana eIihlala

eBrithani uJoe Tete, uAndriano Marero waseDominican Republic, noCosta Azivedo waseBrazil.
Ukubeka phantsi kwakhe iintambo emanqindini ngo-1981, uPangaman Sekgapane waya kuhlala eBophuthatswana. Wahlala nonkosikazi wakhe nabantwana kwilali yaseRamatlabama wasebenza njengomqeqeshi wamanqindi eBophuthatswana de kwaba sekupheleni kombuso kaMangope.
Ndawenza loo msebenzi ngentliziyo yam yonke, ukhumbule uSekgapane. Nangona singazange sibe nazintshatsheli zininzi zaziwayo, sasinabo abafana ababalaseleyo.
Abafana bakaPangaman balwa ngokuyimpumelelo kukhuphiswano Iobuntshatsheli iSouth Afiican Amateur Boxing Union, eVenda naseNamibia. Kwiphondo iNorth West indlela asebenza ngayo urhulumente yahlukile kwawayesebenza ngayo owaseBophuthatswana. Akuvumelekanga ukuba imidlalo ethite iphathwe ngumntu omnye nanjengoko yonke into iphethwe ngumphathiswa wezemidlalo nezolonwabo. Waphuncukana nesikhundla sakhe sokuba ngumqeqeshi usekgapane, watshintshelwa kulo msebenzi mtsha awenzayo ngoku.
Ethetha ngeemini zakhe zozuko uSekgapane uthi ngewaba yiyo intshatsheli yehlabathi ukuba ithuba wayelinikwe ngexesha elitanelekileyo. Ndakhuthazwa kwaye ndandisoloko ndililungele. Isingathi ingxaki yaba libala lam.
Khumbula ukuba ezamanqindi ngeloo xesha zazahlulwa ngokwebala, abantsundu nabamhlophe beneentshatsheli ezizezabo ngokwahlukeneyo kwiintshinga ezifanayo. Kodwa ke nangona umdlalo wamanqindi wamanywa ngo-1975, babebafumanela imilo emininzi abamhlophe kunabantsundu.
Izenzo zabo zaphantse zasitshabalalisa. Ndikhumbula ukuba bandithembisa ukulwela intshinga yehlabathi ngo-1974. Ekuhambeni kwexesha bakutshintsha oko balinika imbethi-manqindi emhlophe elo thuba. Bandilwisa nembethi-manqindi yaphesheya eyayinobunzima obungaphezu kobam. Bathi bakuyibhaqa loo nto abamajelo endaba nathi sakhalaza basixelela ukuba kufuneka uqhubekile umlo. Ngethamsanqa ridasebenzisa amathambo engqondo ndayenza yadinwa loo ndoda ngaphambi kokuba ndiyilalise ngophotho kumjikelo wesithoba.
lqhawe Iikapangaman Sekgepane namhlanje emanqindini nguJacob Baby Jake Matlala. Ndimothulela umnqwazi uBaby Jake, utsho.
Ungumzekelo wokuqeqesheka nokuzinikela, kwaye ulwa kangangoko enako xa eseqongeni. Ulifumene ithuba emanqindini semdala, kodwa ngokuqinisekileyo ulisebenzisile
Ngoku sifumana amathuba, utshilo eSekgapane. Yiyo ke Ioo nto siphethe kwiintshinga zehlabathi. Ngokucinga kwam iimbethi-manqindi zaseMzantsi-Afrika ziyinto ehlabathini
Uthi oko kubonisa ukuba xa abantu abantsundu babenikwa amathuba ngokufanelekileyo ngezazininzi iintshatsheli ezintsundu zehlabathi kwiminyaka yoo-70. 


UMhleli Wezabasetyliini, uPrinirose Williams, ukubbalela amanqaku
ezabasetyhini zouke iinyanga.



Bhotani Bafundi



UkudIwenguIwa
Lo1ona H1ase1o Lubi



52 BONA XHOSA - April 1997

EMzantsi Afrika kuthiwa kwimizuzwana engama30 kudlwengulwa qho inenekazi okanye intwazana eselula. Ngaba amabhinqa nabantwana baseMzantsi Afrika kufuneka bahlaselwe kangakanani na phambi kokuba othile..ndaweni ethiIe, enze into ngako?
kubalisa uPRIMROSE W1LLIAMS kufote uDAVE ELLINGER abafotileyo bayabonisa nje
amazwi amabini arhabaxa abaxelela ukuba bathule. Ndajika ndajonga. Endakubonayo kwanditsho ndagubha. Phakathi kwam nocango kwakukho amadoda amabini ethwele iibalaklava, enye iphethe umpu. lnto yokuqala eyandifikelayo kukuba azokusiphanga, ndakhala ndiwaxeleta ukuba asinamali, singenayo nanto yexabiso, kodwa nam kwathiwa mandival umlomo.
UBongi ujijitheka ajong ecaleni, eneentloni zokuqhubeka nokwalandelayo. Emva kwethuba uphinda aqhubeke, ezolile ngathi uthetha ngomntu angamaziyo. Abantwana bam baxelelwa ukuba bahlale phantsi bathi cwaka. Abahlaseli bajijisana nam bezama ukundiphosa phantsi. Ndazama ukuxhathisa kodwa bandixhimfa ngamanqindi, bendibetha. Ndithe ndakukhala, omnye wandival umlomo nempumlo, ndade ndaphelelwa ngumoya.
Hayi ke, bazenzela betshintshana ngam bendidlwengula, abantwana bebukele. Inyala lokudlwengulwa phambi kwabantwan bam Iondingcungcuthekisa de ndife. Ndiziva ndingcolile, ndingento


U
 BONGI uhleli ejonge phantsi, ezama ukubamba iinyembezi eziza kuphalala. Nangona wahlaselwa kwiinyanga ezintandathu ezidlulileyo, usaphelelwa ngamagama. Oko ngumvuka wako, utshilo, qho ndakucinga ngako ndimelwa yingqondo.
Kulula ukusiqonda isizathu sako. UBongi uzama ukukhumbula into eyoyikekayo eyamhlelayo neyakumthob isidima ubomi buphela ukudlwengulwa phambi kwabantwana bakhe!
UBongi ongumama wabantwana ababini ongenamyeni ukufumana kunzima ukubalisa okwenzeka kuye. Ngolo rhatya lwelishwa ndashiywa yibhasi endikhwela kuyo qho. ibhasi elandelayo yafika isiqingatha seyure kamva, xa kwakuqalisa ukurhwalala. Ndathi ndisehla ekhaya kwabe sekumnyama. Ndandingoyiki noko kuba apho ndihta khona akukudanga kangako nasekhaya.
Kwathi kanye xa ndivula ucango, ndathiwa xhakamfu ngamandla sisandla ngasemva. Kuqala ndacinga ukuba othile endimaziyo uzama ukundoyikisa, kodwa oko kwatshintsha xa isandla sandival umlomo. Ndatyhalelwa ngaphakathi, lwavalwa lwatshixwa ucango.
Abantwana bam bakhala, kodwa
yanto.
Amaxhoba okudlwengulwa ayayiqonda indlela uBongi avakalelwa ngayo. Amantombazana aneminyaka eli-13 neli1 5 adlwengutwa xa kwakuphangwa ayayiqonda indlela avakalelwa ngayo, kunjalo nakoodade ababini abaneminyaka engama-21 nama-24, nabo abadlwengulwa xa kwakuphangwa. UNomboniso Gasa, uLebohang Pheko, ixhegokazi elinama79 eminyaka namawaka amantombazana aselula kwanamanye amabhinqa awakhe ahlaselwa nawo ayaqonda.
Amaphephandaba, iindaba koonomathothtolo neTV kwanamanani akhutshwayo ayothusa. Ngo-1 994, bangama-32 1 07 abafaka amatyala okudlwengulwa abikwa eMzantsi Afrika. Ngo-1995 anyuke afika kuma-36 999, kwaza ukusuka ngoJanuwari ukuya kuAgasti 1996 la manani afika kuma-31
065.

